Attorneys | Notaries | Conveyancers
About Us
I-CBA ineminyaka engapha kweyi-20 isebenza ngezindlu nemihlaba. Ngenxa yoko, yenye yezona nkampani zinamava eMpuma Koloni ibe siyazidla ngokunceda abantu ngezi ndlela:
- Siwenza ngokukhawuleza umsebenzi wethu, singatyanga xesha;
- Kulula ukuthetha nabaphathi kunye nabasebenzi bethu;
- Qho ngeveki sikhupha iingxelo.
Services
Sincedisa kwiimpepha zezi zinto zilandelayo:-
- Ukugqithisela indlu komnye umntu (Jonga iannexure A)
- IiBond (Jonga iannexure B)
- Ukurhoxisa ibond
- Ukudibanisa izindlu
- Ukwahlula izindlu
- Ukushenxisa imiqathango engumqobo
Kwizakhiwo zamashishini sinceda ngezi ndlela:-
- Ekubhaleni izivumelwano zokuthengisa
- Nezivumelwano zokurentisa
Sinceda nasekubhaliseni ezi zinto zimbini:-
- Umhlaba ekuza kwakhiwa izindlu ezininzi
- Indlu eyeyakho nangona idibene nezinye
Sincedisa nasekusayneni ezi zivumelwano:-
- I-Notarial Tie Agreement
- I-Notarial Lease Agreement
- Isivumelwano sabantu abaza kutshata
- Isivumelwano sabantu abahlalisanayo
- Isivumelwano sokusebenzisa indlu yomnye umntu
Sincedisa ekubhaleni:-
- Imiyolelo
Who Is Chisto Barnard?
UChristo Barnard ube ligqwetha lasenkundleni, igqwetha elingqina ukusayina nelisebenza ngokuthengiswa kwezindlu nemihlaba kangangeminyaka engaphezu kweyi-30 ePitoli, eGoli, eMthatha, eMonti naseQonce.
Uthe akuqaphela ukuba abantu bafuna ukuncedwa ziingcali eziwenza kakuhle umsebenzi wazo nezibakhathaleleyo, waqalisa le nkampani ebizwa ngokuba yiChristo Barnard Attorneys eMthatha ngonyaka ka-2000. Usoloko eqiniseka ukuba uyafumaneka xa abantu bemdinga ibe ungumphathi ozimisele kakhulu.
Who Is USisiphe Mhlaluka?
USisiphe Mhlaluka ligqwetha elisebenza ngokuthenga nokuthengiswa komhlaba nezindlu ibe uzazi ukusuka nokuhlala iinkalo ezahlukeneyo zomthetho.
Ukususela ngo-2020, uye wasebenza kakhulu kwicandelo lezindlu nemihlaba. Nguye okhokeleyo kwimibandela yonxibelelwano kwisebe lenkampani yethu eliseMthatha ibe uzimisele ekuncedeni abantu.
Kuba ezalelwe waza wakhulela eMthatha, uwazi ukusuka nokuhlala uMthatha, usithanda egazini esi sixeko ibe uyasiqonda indlela esisebenza ngayo. Ungumntu nje othandekayo nekulula ukuncokola naye. Ukwangumntu onokuthenjwa nozimiselayo emsebenzini wakhe nto leyo emenza abe lulutho kule nkampani edume ngokunikeza inkonzo entle eluntwini lube noncumo lubhalwe ebusweni kubasebenzi bayo.
Excellence in Conveyancing and Property Law
Cost Calculator
Get in Touch
Mthatha Branch
Unit 1, Phyllis Court,
49 Leeds Road,
Central,
Mthatha
047 532 5077
Docex 8 Umtata
Ballito Branch
Office No 1,
The Circle Business Centre,
Douglas Crowe Drive,
Ballito
081 096 9264